← Revelation (11/22) → |
1. | Ndaza ndanikwa ingcongolo, ifana nentonga; saye isithunywa eso simi, sisithi, Suka uyilinganise itempile kaThixo, nesibingelelo, nabo banqulayo bekuyo. |
2. | Intendelezo engaphandle kwetempile yiphose phandle, ungayilinganisi yona; ngokuba inikwe iintlanga; umzi ongcwele ziya kuwunyathelela phantsi iinyanga ezimashumi mane anambini. |
3. | Ndiya kuwanika amangqina am amabini, aprofete imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu, ethiwe wambu ngeengubo ezirhwexayo. |
4. | Lawo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba. |
5. | Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo. |
6. | Wona la anegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo. |
7. | Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale. |
8. | Izidumbu zawo ziya kuba sesitratweni somzi omkhulu, okuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho kananjalo yabethelelwa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. |
9. | Abakubo abantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni. |
10. | Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuwavuyelela, babe nemihlali; bathumelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini babathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba. |
11. | Emva kwemihla leyo mithathu inesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo. |
12. | Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo. |
13. | Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu. |
14. | Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya. |
15. | Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi: Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni. |
16. | Aza amadoda amakhulu, angamashumi mabini anamane, ahleli phambi koThixo phezu kweetrone zawo, awa ngobuso bawo, aqubuda kuye uThixo, |
17. | esithi: Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla, Wena ukhoyo, wawukho, uzayo, Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani. |
18. | Iintlanga zaqumba, Yeza ingqumbo yakho, Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe, Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele, Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba. |
19. | Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu. |
← Revelation (11/22) → |