| Revelation (1/22) → |
| 1. | Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya; waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane, |
| 2. | owalingqinelayo ilizwi likaThixo nobungqina bukaYesu Kristu, kwaneento zonke awazibonayo. |
| 3. | Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi. |
| 4. | UYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe; |
| 5. | nakuYesu Kristu, oliNgqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba. Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi, |
| 6. | wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise: kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. |
| 7. | Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe, amen. |
| 8. | Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla. |
| 9. | Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu. |
| 10. | Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo, |
| 11. | lisithi, Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela. Okubonayo kubhale encwadini ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe aseAsiya: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatira, eSardesi, eFiladelfi, eLawodike. |
| 12. | Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ ke, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe; |
| 13. | naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide. |
| 14. | Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo; |
| 15. | iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; izwi lakhe ngathi sisandi samanzi amaninzi. |
| 16. | Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene; emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo. |
| 17. | Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; mna ndingowokuqala nowokugqibela, ndinguye odla ubomi; |
| 18. | ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa. |
| 19. | Zibhale izinto ozibonileyo, nezikhoyo, kwaneziya kubakho emva kwezo. |
| 20. | Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, yile: Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe; neziphatho ezo zisixhenxe uzibonileyo ngamabandla osixhenxe. |
| Revelation (1/22) → |