| ← Psalms (97/150) → |
| 1. | UYehova ngukumkani; liyagcoba ihlabathi, Ziyavuya iziqithi ezininzi. |
| 2. | Ngamafu nesithokothoko ngeenxa zonke kuye, Bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe. |
| 3. | Kuhamba umlilo phambi kwakhe; Ulenya ababandezeli bakhe ngeenxa zonke. |
| 4. | Ikhanyisa elimiweyo imibane yakhe; Uyabona umhlaba, uzibhija-bhije. |
| 5. | Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova, Phambi kweNkosi yehlabathi lonke. |
| 6. | Izulu lixela ubulungisa bakhe, Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe. |
| 7. | Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo, Abaqhayisa ngeento ezingento; Bayamnqula bonke oothixo. |
| 8. | Iyeva, iyavuya iZiyon, Ziyagcoba iintombi zakwaYuda, Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova. |
| 9. | Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke; Unyukile kunene ngaphezu koothixo bonke. |
| 10. | Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi. Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe Uya kubahlangula esandleni sabangendawo. |
| 11. | Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa, Novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye. |
| 12. | Vuyani ngoYehova, malungisa, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele. |
| ← Psalms (97/150) → |