| ← Psalms (96/150) → |
| 1. | Vumani kuYehova ingoma entsha, Vumani kuYehova, nonke hlabathi. |
| 2. | Vumani kuYehova, bongani igama lakhe, Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe. |
| 3. | Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo; |
| 4. | Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke. |
| 5. | Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu. |
| 6. | Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe. |
| 7. | Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla; |
| 8. | Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe. |
| 9. | Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele, Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi. |
| 10. | Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani, Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi, Uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye. |
| 11. | Liya kuvuya izulu, Ligcobe ihlabathi; Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo. |
| 12. | Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo, Ize imemelele yonke imithi yehlathi |
| 13. | Phambi koYehova, ngokuba esiza, Ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Nezizwe ngokunyanisa kwakhe. |
| ← Psalms (96/150) → |