| ← Psalms (95/150) → |
| 1. | Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu. |
| 2. | Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma. |
| 3. | Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke. |
| 4. | Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe. |
| 5. | Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe. |
| 6. | Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu. |
| 7. | Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe, |
| 8. | Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango; |
| 9. | Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam. |
| 10. | Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona; |
| 11. | Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi, Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam. |
| ← Psalms (95/150) → |