Psalms (94/150)  

1. Thixo wempindezelo, Yehova, Thixo wempindezelo, bengezela!
2. Phakama, Mgwebi wehlabathi! Babuyisele impatho yabo abanekratshi.
3. Kunini na abangendawo, Yehova, Kunini na abangendawo bevuyelela?
4. Balephuza amagwebu, bathetha ngokusa, Bayandolosa bonke abasebenzi bobutshinga.
5. Batyumza abantu bakho, Yehova, Bacinezela ilifa lakho.
6. Babulala umhlolokazi nowasemzini, Bancinitha inkedama.
7. Bathi ke, Akaboni uYehova, Akagqali uThixo kaYakobi.
8. Qondani, nina bazizityhakala ebantwini; Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?
9. Omilisele indlebe, akayi kuva na? Obumbe iliso, akayi kukhangela na?
10. Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na, Ulofundisa abantu ukwazi?
11. UYehova ngumazi weengcinga zabantu, Ukuba zingumphunga.
12. Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova, Oyifundisayo ngomyalelo wakho;
13. Ukuba uyizolise eziminini zobubi, Ade ambelwe isihogo ongendawo.
14. Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe, Akalishiyi ilifa lakhe.
15. Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni, Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.
16. Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam? Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?
17. Koko uYehova abe luncedo lwam, Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona.
18. Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam, Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase.
19. Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.
20. Ingaqhelana nawe na itrone yolweyeliselo, Ebumba ububi ngommiselo?
21. Bahlanganyela umphefumlo welungisa, Baligwebe igazi elimsulwa.
22. Kanti ke uYehova uyingxonde kum, UThixo wam liliwa endizimela ngalo.
23. Ububuyisela phezu kwabo ubutshinga babo, Uba bhangisa ngobubi babo; Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu.

  Psalms (94/150)