| ← Psalms (90/150) → |
| 1. | Umthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, Isizukulwana ngesizukulwana. |
| 2. | Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo. |
| 3. | Umbuyisela umntu eluthulini, Uthi, Buyani, nyana babantu. |
| 4. | Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akho Linjengemini yezolo, xa idluleyo, Linjengomlindo wasebusuku. |
| 5. | Uyabakhukulisa, balale; Ngengomso babuya bahlume njengotyani. |
| 6. | Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume; Ngokuhlwa buyasikwa bome. |
| 7. | Ngokuba siyaphela ngumsindo wakho, Sikhwankqiswe bubushushu bakho. |
| 8. | Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho, Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho. |
| 9. | Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho, Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo. |
| 10. | Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka. |
| 11. | Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho, Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako? |
| 12. | Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo. |
| 13. | Buya, Yehova, kunini na? Uzohlwaye ngenxa yabakhonzi bakho. |
| 14. | Sihluthise kwakusasa ngenceba yakho, Simemelele, sivuye yonke imihla yethu. |
| 15. | Sivuyise ngangemihla owasicinezela ngayo. Ngangeminyaka esabona ububi ngayo. |
| 16. | Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho, Nobungangamela bakho koonyana babo. |
| 17. | Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu. Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu, Isenzo sezandla zethu usizimase sona. |
| ← Psalms (90/150) → |