| ← Psalms (9/150) → |
| 1. | Kumongameli: ngemute-labhen, Umhobe kaDavide. Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yam yonke; Ndiya kuyibalisa yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo. |
| 2. | Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe; Ndiya kulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni. |
| 3. | Ekubuyeni kweentshaba zam umva, Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho. |
| 4. | Ngokuba ulifezile ityala lam nebango lam: Uhleli etroneni ungumgwebi olilungisa. |
| 5. | Uzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo; Igama lazo ulicimile ngonaphakade kanaphakade. |
| 6. | Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela; Imizi uyinyothule, Yadaka inkumbulo yayo yona. |
| 7. | Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade, Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe. |
| 8. | Uya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa, Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye. |
| 9. | UYehova makabe yingxonde kotyunyuziweyo, Ingxonde ngamaxesha engxingongo; |
| 10. | Bakholose ngawe abalaziyo igama lakho; Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova. |
| 11. | Vumani ngendumiso kuYehova ohlala eZiyon; Xelani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo; |
| 12. | Ukuba umphindezeli wamagazi ubakhumbule, Akakulibalanga ukukhala kwabalulamileyo. |
| 13. | Ndibabale, Yehova; Zibone iintsizi zam ezikhoyo ngabandithiyayo, Mphakamisi wam emasangweni okufa; |
| 14. | Ukuze ndibalise yonke indumiso yakho, Emasangweni entombi uZiyon, Ndigcobe ngosindiso lwakho. |
| 15. | Iintlanga zitshone esihogweni ezasenzayo, Emnatheni ezawugqumelayo kubanjiswe kwaolwazo unyawo. |
| 16. | Uzazisile uYehova; wenza umgwebo, Emthiyela ngomsebenzi wezandla zakhe ongendawo. (Bethani uhadi ngofefe. Phakamisani.) |
| 17. | Baya kubuyela kwelabafileyo abangendawo, Kwaiintlanga zonke ezimlibalayo uThixo; |
| 18. | Ngokuba aliyi kuhlala lilityalwa ihlwempu, Ithemba leentsizana aliyi kudaka ngonaphakade. |
| 19. | KhawusukÂ’ ume, Yehova; malungangcwangushi uluntu, Mazigwetywe iintlanga phambi kwakho, |
| 20. | Zimisele ukoyika, Yehova, Zazi iintlanga ukuba ziluluntu kuphela. (Phakamisani.) |
| ← Psalms (9/150) → |