| ← Psalms (89/150) → |
| 1. | Eyokuqiqa kaEtan, umEzra. Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade, Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam. |
| 2. | Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba; Amazulu, uya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho. |
| 3. | Wathi, Ndenze umnqophiso nomnyulwa wam, Ndifungile kuDavide umkhonzi wam: |
| 4. | Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho, Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.) |
| 5. | Amazulu abulela imisebenzi yakho ebalulekileyo, Yehova, Nokuthembeka kwakho ebandleni labangcwele. |
| 6. | Ngokuba ngubani na esibhakabhakeni olingana noYehova? Ngubani na ofana noYehova phakathi koonyana bakaThixo. |
| 7. | UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele, Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo? |
| 8. | Yehova, Thixo wemikhosi, Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova? Ukuthembeka kwakho kukungqongile. |
| 9. | Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle; Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa. |
| 10. | Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo, Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo. |
| 11. | Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi; Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe. |
| 12. | Umntla nomzantsi wadalwa nguwe; ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho. |
| 13. | Yeyakho ingalo enobugorha; Sithe nkqi isandla sakho, siphakamile esokunene sakho. |
| 14. | Ummiso wetrone yakho bubulungisa nokusesikweni; Inceba nenyaniso ilungiselela phambi kwakho. |
| 15. | Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma! Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova. |
| 16. | Baya kugcoba egameni lakho imini yonke, Baphakame ngobulungisa bakho. |
| 17. | Ngokuba isihombo samandla abo nguwe; Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile. |
| 18. | Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu, UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu. |
| 19. | Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi, Ndibeke uncedo egorheni, Ndiphakamise indodana ebantwini. |
| 20. | Ndifumene uDavide umkhonzi wam; Ndimthambisile ngeoli yam engcwele, |
| 21. | Esiya kuqinisela kuye isandla sam, Nengalo yam imkhaliphise. |
| 22. | Utshaba aluyi kumqubula; Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela. |
| 23. | Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe, Ndibaxabele abamthiyayo. |
| 24. | Inyaniso yam nenceba yam inaye; Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam. |
| 25. | Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe, EMilanjeni esokunene sakhe. |
| 26. | Yena ukundibiza wothi, UnguBawo, UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa. |
| 27. | Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo, Osenyangweni kookumkani behlabathi. |
| 28. | Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade, Umnqophiso wam unyanise kuye; |
| 29. | Ndiyimise ngonaphakade imbewu yakhe, Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu. |
| 30. | Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam, Abahamba ngamasiko am; |
| 31. | Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam, Abayigcina imithetho yam: |
| 32. | Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga, Nobugwenxa babo ngemivumbo. |
| 33. | Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye, Ndingaxoki ekuthembekeni kwam. |
| 34. | Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam, Ndiyijike into ephume emlonyeni wam. |
| 35. | Ndibufunge kwakanye ubungcwele bam, ndathi, Inene, andiyi kumxokisa uDavide; |
| 36. | Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade, Netrone yakhe njengelanga phambi kwam. |
| 37. | Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade; Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.) |
| 38. | Kwawena umhlambile, umcekisile, Umphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho; |
| 39. | Uthe nethe ngumnqophiso womkhonzi wakho; Usidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe. |
| 40. | Uzityhobozile zonke iintango zakhe, Uzenze inxuwa iinqaba zakhe. |
| 41. | Bayamphanga bonke abadlula ngendlela, Waba yingcikivo kubamelwane bakhe. |
| 42. | Usiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo, Uzivuyisile zonke iintshaba zakhe. |
| 43. | Wabuyisa nokubuyisa uhlangothi lwekrele lakhe, Akwammisa emfazweni. |
| 44. | Umsusile enkazimlweni yakhe, Uyikhahlele emhlabeni itrone yakhe, |
| 45. | Uyinqumle imihla yobutsha bakhe, Wamthi wambu ngokudana. (Phakamisani.) |
| 46. | Kunini na, Yehova, uhleli uzisithelisile, Busitsha njengomlilo ubushushu bakho? |
| 47. | Khumbula ukunqamka kwam, into okuyiyo! Ubadaleleni na, baba yinto engento bonke oonyana babantu? |
| 48. | Yiyiphi na indoda ehleliyo, engayi kukubona ukufa, Enokuwusindisa umphefumlo wayo esandleni selabafileyo? (Phakamisani.) |
| 49. | Ziphi na iinceba zakho zangaphambili, Nkosi yam, Owamfungela zona uDavide ngokuthembeka kwakho? |
| 50. | Khumbula, Nkosi yam, ukungcikiveka kwabakhonzi bakho; Ndithwele esifubeni sam zonke izizwe ezininzi, |
| 51. | Ezingcikivayo, ziziintshaba zakho, Yehova; Ezingcikiva amanyathela omthanjiswa wakho. |
| 52. | Makabongwe uYehova ngonaphakade. Amen, amen. |
| ← Psalms (89/150) → |