| ← Psalms (86/150) → |
| 1. | Umthandazo kaDavide. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndiphendule, Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu. |
| 2. | Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba; Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho, Lo ukholose ngawe. |
| 3. | Ndibabale, Nkosi yam, Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini. |
| 4. | Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho, Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam; |
| 5. | Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo. |
| 6. | Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam. |
| 7. | Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula. |
| 8. | Akukho unjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo; Akukho zenzo zinjengezakho. |
| 9. | Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam, Zizukise igama lakho. |
| 10. | Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo, UnguThixo wena wedwa. |
| 11. | Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho. |
| 12. | Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade: |
| 13. | Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo. |
| 14. | Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Abakumisi wena phambi kwabo. |
| 15. | Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso. |
| 16. | Ndibheke, undibabale; Mphe amandla akho umkhonzi wakho, Umsindise unyana womkhonzazana wakho. |
| 17. | Ndenzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela. |
| ← Psalms (86/150) → |