| ← Psalms (85/150) → |
| 1. | Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yehova, wabe unetarhu kwilizwe lakho. Ububabuyisa abathinjwa bakaYakobi; |
| 2. | Ububuxolela ubugwenxa babantu bakho, Ubuziselela zonke izono zabo. (Phakamisani.) |
| 3. | Ubuwufinyeza umsindo wakho ophuphumayo, Ububuya ekuvutheni komsindo wakho. |
| 4. | Sibuyise, Thixo ongumsindisi wethu, Uyisuse ingqumbo yakho kuthi. |
| 5. | Uya kusiqumbela ngonaphakade na? Umsindo wakho uya kuwolulela kwizizukulwana ngezizukulwana na? |
| 6. | Akuyi kubuya usiphilise na, Abantu bakho bavuye ngawe? |
| 7. | Sibonise inceba yakho, Yehova, Siphe usindiso lwakho. |
| 8. | Mandive oko aya kukuthetha uThixo, uYehova; Hayi, uthetha uxolo kubantu bakhe nakwabakhe benceba; Mabangabuyeli ke ekunyabeni kwabo. |
| 9. | Inene, usindiso lwakhe lusondele kwabamoyikayo, Ukuze luhlale uzuko ezweni lakowethu. |
| 10. | Kuya kuqubisana inceba nenyaniso, Kuya kwangana ubulungisa noxolo. |
| 11. | Inyaniso iya kuntshula emhlabeni, Ubulungisa buqondele busemazulwini. |
| 12. | Kananjalo uYehova uya kusinika okulungileyo, Ilizwe lethu lisinike indyebo yalo. |
| 13. | Ubulungisa buya kuhamba phambi kwakhe, Buyigqale ngentliziyo indlela yokunyathela kwakhe. |
| ← Psalms (85/150) → |