| ← Psalms (84/150) → |
| 1. | Kumongameli; ngolwaseGati. Eyoonyana bakaKora. Umhobe. Hayi, ukuthandeka kweminquba yakho, Yehova wemikhosi! |
| 2. | Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova; Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo. |
| 3. | Intakana le ifumene ikhaya; Inkonjane izifumanele indlu, Apho izalela khona amathole ayo: Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi, Kumkani wam, Thixo wam. |
| 4. | Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho! Basaya kukudumisa. (Phakamisani.) |
| 5. | Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon! |
| 6. | Bephumela entilini yemithi yeBhaka, Bayenza ibe nemithombo; Ewe, imvula iyithi wambu ngentsikelelo. |
| 7. | Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi, |
| 8. | Yehova, Thixo wemikhosi, Wuve umthandazo wam, Wubekele indlebe, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.) |
| 9. | Khangela, Thixo, ngweletshetshe yethu, Ubukhangele ubuso bomthanjiswa wakho. |
| 10. | Ngokuba imini enye ezintendelezweni zakho ilungile kunewaka; Ndinyule ukuba semnyango endlwini kaThixo wam, Kunokuhlala ngaphakathi kweentente zokungendawo. |
| 11. | Ngokuba ulilanga, uyingweletshetshe uYehova uThixo, UYehova uyababala azukise; Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo. |
| 12. | Yehova wemikhosi, Hayi, uyolo lomntu okholose ngawe! |
| ← Psalms (84/150) → |