← Psalms (83/150) → |
1. | Ingoma. Umhobe ka-Asafu. Thixo, musa ukuthi cwaka, Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo. |
2. | Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela; Abakuthiyayo baphakamisa intloko. |
3. | Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho, Bacebisane ngabagushiweyo nguwe. |
4. | Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga, Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli. |
5. | Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye, Benza umnqophiso ngawe: |
6. | Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli, AmaMowabhi namaHagari, |
7. | AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki, AmaFilisti kunye nabemi baseTire; |
8. | Nama-Asiriya athelele kubo, Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.) |
9. | Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan, NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon. |
10. | Batshabalala e-Endore, Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni. |
11. | Benze bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe; Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengoTsalimuna; |
12. | Bona bathi, Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo. |
13. | Thixo wam, benze babe njengesaqhwithi, Njengomququ phambi komoya. |
14. | Njengomlilo odla ihlathi, Njengedangatye lilenya intaba, |
15. | Yenjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho, Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo. |
16. | Buzalise ubuso babo ngehlazo, Balifune igama lakho, Yehova. |
17. | Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade, Babe neentloni, badake; |
18. | Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke. |
← Psalms (83/150) → |