| ← Psalms (81/150) → |
| 1. | Kumongameli; ngolwaseGati. Ka-Asafu. Memelelani kuThixo, igwiba lethu, Dumani kuThixo kaYakobi. |
| 2. | Hlabani ingoma, nibethe ingqongqo, Uhadi olumnandi, kunye nomrhubhe. |
| 3. | Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga, Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu. |
| 4. | Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli, Lisiko likaThixo kaYakobi. |
| 5. | Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu, Ekucandeni kwakhe ezweni laseYiputa; Ndeva intetho endingayaziyo. |
| 6. | Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe; Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala. |
| 7. | Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula; Ndakuphendula esitheni leendudumo, Ndakuvavanya emanzini aseMeribha. (Phakamisani.) |
| 8. | Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni; Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum! |
| 9. | Makungabikho thixo wasemzini kuwe; Unganquli thixo wolunye uhlanga. |
| 10. | Ndim uYehova uThixo wakho, Okunyusileyo elizweni laseYiputa. Yakhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho. |
| 11. | Ke abantu bam abaliva izwi lam, USirayeli akandivumanga. |
| 12. | Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo; Bahamba ngawabo amaqhinga. |
| 13. | Akwaba abantu bam bebendiva, Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam! |
| 14. | Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo, Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam. |
| 15. | Abamthiyayo uYehova bebeya kuhanahanisa kuye, Libe ngunaphakade ixesha labo. |
| 16. | Bendiya kubadlisa ingqolowa etyebileyo, Ndibahluthise ngobusi etsilini. |
| ← Psalms (81/150) → |