Psalms (8/150)  

1. Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.
2. Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.
3. Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:
4. Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
5. Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.
6. Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:
7. Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;
8. Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.
9. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!

  Psalms (8/150)