| ← Psalms (79/150) → |
| 1. | Umhobe ka-Asafu. Thixo, iintlanga zingene elifeni lakho, Ziyenze inqambi itempile yakho engcwele; Ziyenze yayimiwewe iYerusalem. |
| 2. | Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizidle, Nenyama yabakho benceba ziyinike amarhamncwa elizwe. |
| 3. | Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem; Akwabakho mngcwabi. |
| 4. | Senziwe ingcikivo kubamelwane bethu, Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo. |
| 5. | Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile? Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho? |
| 6. | Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingakwaziyo, Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho. |
| 7. | Ngokuba zimdlile uYakobi, Zalenza inxuwa ikhaya lakhe. |
| 8. | Musa ukubukhumbula kuthi ubugwenxa bamanyange ethu, Mayingxame isikhawulele imfesane yakho: Ngokuba siswele kakhulu. |
| 9. | Sincede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho, Usihlangule, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho. |
| 10. | Yini na ukuba iintlanga zithi kuthi, Uphi na uThixo wabo? Makwazeke ezintlangeni, emehlweni ethu, Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo. |
| 11. | Makuze phambi kwakho ukugcuma kwamakhonkxwa; Ngokobukhulu bengalo yakho basalise oonyana bokufa. |
| 12. | Yibuyisele kubamelwane bethu kasixhenxe esondweni lengubo yabo Ingcikivo yabo, abakungcikive ngayo, Nkosi. |
| 13. | Ke thina bantu bakho, zimvu zaluswa nguwe, Siya kubulela kuwe ngonaphakade, Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana. |
| ← Psalms (79/150) → |