| ← Psalms (78/150) → |
| 1. | Eyokuqiqa ka-Asafu. Wubekeleni indlebe umyalelo wam, bantu bakowethu, Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam. |
| 2. | Ndiya kuwuvula umlomo wam ngomzekeliso; Ndiya kumpompozisa iintsonkotha zamandulo; |
| 3. | Esakuvayo sakwazi, Abasibaliselayo oobawo. |
| 4. | Asiyi kukugusha koonyana babo; Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova, Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo. |
| 5. | Wamisa isingqiniso kwaYakobi, Wabeka umyalelo kwaSirayeli, Awawumisela oobawo, Ukuba bawazise oonyana babo; |
| 6. | Ukuze siwazi isizukulwana esizayo, oonyana abaza kuzalwa, Basuke babalisele ababo oonyana; |
| 7. | Bayame ngoThixo, Bangazilibali izenzo ezincamisayo zikaThixo, Bayilondoloze imithetho yakhe: |
| 8. | Bangabi njengooyise, Isizukulwana esiyinjubaqa, esineenkani, Isizukulwana esingayilungisanga intliziyo yaso, Esimoya unganyanisanga kuThixo. |
| 9. | Oonyana bakaEfrayim, bexhobile, beziintoli ezinezaphetha, Bajika ngemini yemfazwe. |
| 10. | Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe; |
| 11. | Bazilibala izenzo zakhe ezincamisayo, Nezibalulekileyo zakhe awababonisayo. |
| 12. | Phambi kooyise wenza ngokubalulekileyo Ezweni lamaYiputa, emhlabeni waseTsohan. |
| 13. | Waludabula ulwandle, wabaweza, Wawamisa amanzi njengemfumba. |
| 14. | Wabakhapha ngelifu emini, Ngokukhanya komlilo ubusuku bonke, |
| 15. | Walicanda iliwa entlango, Wabaseza amanzi anzongonzongo kakhulu; |
| 16. | Wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondorheni, Wahlisa amanzi njengemilambo. |
| 17. | Baqokela noko ukona kuye, Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini. |
| 18. | Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo, Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla. |
| 19. | Bathetha ngoThixo, bathi, Unako na uThixo ukulungisa isithebe entlango? |
| 20. | Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi, Yakhukula nemilanjana; Woba nako na nokubanika ukutya, Nokubalungiselela inyama abantu bakhe? |
| 21. | Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe, Watsha umlilo kwaYakobi, Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli; |
| 22. | Ngokuba bengakholwanga kuThixo, Bengakholosanga ngosindiso lwakhe. |
| 23. | Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu, Wazivula iingcango zezulu; |
| 24. | Wabanisela ngemana ukuze badle, Wabanika ingqolowa yasezulwini. |
| 25. | Umntu wadla isonka sOnamandla; Wabathumela umphako bada badikwa. |
| 26. | Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini, Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi; |
| 27. | Wabanisela inyama njengothuli, Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle; |
| 28. | Yawa phakathi kweminquba yabo, Ngeenxa zonke emakhayeni abo. |
| 29. | Badla, bahlutha kakhulu, Wabazisela ke inkanuko yabo. |
| 30. | Bengekashenxi enkanukweni yabo, Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo: |
| 31. | Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo, Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo, Wawawisa amadodana akwaSirayeli. |
| 32. | Kuyo yonke loo nto bahambisa ngokona, Abakholwa yimisebenzi yakhe ebalulekileyo. |
| 33. | Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga, Neminyaka yabo ngokukhwankqisa. |
| 34. | Xa wathi wababulala, bamquqela; Babuya bamquqela uThixo ngenyameko, |
| 35. | Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo, UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo. |
| 36. | Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo, Bamxokisa ngolwimi lwabo; |
| 37. | Intliziyo yabo ayaqina kuye, Abanyaniseka emnqophisweni wakhe. |
| 38. | Ke yena unemfesane, Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi; Wawubuyisa futhi umsindo wakhe, Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe. |
| 39. | Wakhumbula ukuba bayinyama, Bangumoya omkayo, ongabuyiyo. |
| 40. | Kukangaphi bemphikisa entlango, Bemenza buhlungu enkangala! |
| 41. | Babuya bamlinga uThixo, Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli. |
| 42. | Abasikhumbula isandla sakhe, Imini awabakhulula ngayo embandezelweni; |
| 43. | Awamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa, Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan. |
| 44. | Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi, Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi. |
| 45. | Wathumela kubo iingcongconi, zabadla; Namasele, abatshabalalisa. |
| 46. | Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo, Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo. |
| 47. | Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo, Nemithombe yabo ngomkhenkce. |
| 48. | Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo, Nemihlambi yabo ngemibane. |
| 49. | Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe, Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo, Ibutho lezithunywa zobubi. |
| 50. | Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe, Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo, Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa. |
| 51. | Wababulala bonke abamazibulo eYiputa, Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam. |
| 52. | Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu, Wabaqhuba njengomhlambi entlango; |
| 53. | Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi; Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle |
| 54. | Wabazisa emdeni wakhe ongcwele, Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene. |
| 55. | Wagxotha iintlanga ebusweni babo, Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo; Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo. |
| 56. | Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni, Abazigcina izingqiniso zakhe, |
| 57. | Babuya unuva, banginiza njengooyise. Bajika njengesaphetha esikhohlisayo. |
| 58. | Bamqumbisa ngeziganga zabo, Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo. |
| 59. | Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli; |
| 60. | Wawulahla umnquba waseShilo, Intente abeyimise esintwini; |
| 61. | Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe, Isihombo sakhe esandleni sombandezeli. |
| 62. | Wabanikela abantu bakhe kwikrele, Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe. |
| 63. | Amadodana abo adliwa ngumlilo, Iintombi zabo azagcotyelwa. |
| 64. | Ababingeleli babo bawa likrele, Abahlolokazi babo abalila. |
| 65. | Yaza yavuka njengobelele iNkosi, Njengegorha elimemeleliswa yiwayini. |
| 66. | Yababetha ngasemva ababandezeli bayo, Yabenza ingcikivo engunaphakade. |
| 67. | Yayicekisa intente yakwaYosefu, Ayasinyula isizwe sakwaEfrayim. |
| 68. | Yanyula isizwe sakwaYuda, Intaba yaseZiyon eyayithandayo. |
| 69. | Yayakha njengokuphakama kwezulu ingcwele yakhe, Njengomhlaba lo awusekileyo ngonaphakade. |
| 70. | Yanyula uDavide umkhonzi wayo, Yamthabatha ezibayeni zezimvu; |
| 71. | Yamthabatha elandela izimvu ezanyisayo, Yamzisa ukuba aluse kwaYakobi abantu bayo, KwaSirayeli ilifa layo. |
| 72. | Wabalusa ke ngengqibelelo yentliziyo yakhe, Wabakhapha ngokwazi kwezandla zakhe. |
| ← Psalms (78/150) → |