Psalms (77/150)  

1. Kumongameli. KuYedutun. Eka-Asafu. Umhobe. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala; Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.
2. Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam; Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba; Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.
3. Ndikhumbula uThixo, ndincwine; Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)
4. Uzibambile iinkophe zamehlo am, Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.
5. Ndicinga ngemihla yamandulo, Iminyaka yasephakadeni;
6. Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi; Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.
7. Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam, Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?
8. Iphele yaphela na inceba yayo? Sigqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?
9. UThixo ukulibele na ukubabala? Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)
10. Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi; Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.
11. Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.
12. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.
13. Thixo, isebungcweleni indlela yakho; Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?
14. UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo; Wawazisa amandla akho ezizweni,
15. Wabakhulula ngengalo abantu bakho, Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)
16. Akubona amanzi, Thixo, Akubona amanzi, azibhija-bhija, Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;
17. Amafu engqingqwa aphalaza amanzi, Isibhakabhaka savakalisa isandi; Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.
18. Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini, Imibane yalikhanyisa elimiweyo, Lagungqa lanyikima ihlabathi.
19. Yaba selwandle indlela yakho, Nomendo wakho waba semanzini amaninzi; Awaziwa umkhondo wakho.
20. Wabakhokela njengezimvu abantu bakho, Ngesandla sooMoses noAron.

  Psalms (77/150)