| ← Psalms (72/150) → |
| 1. | EkaSolomon. Thixo, mnike ukumkani imigwebo yakho, Mnike unyana wokumkani ubulungisa bakho. |
| 2. | Makagwebe ebantwini bakho ngobulungisa, Nakwabaziintsizana zakho ngokwesiko. |
| 3. | Iintaba mazibathwalele uxolo abantu, Kwaneenduli zibathwalele ebulungiseni. |
| 4. | Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini, Asindise oonyana bamahlwempu, Abatyumze abacudisi. |
| 5. | Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilanga Kwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana. |
| 6. | Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo, Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni. |
| 7. | Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga. |
| 8. | Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle, Ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni zehlabathi. |
| 9. | Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu, Zikhothe uthuli iintshaba zakhe. |
| 10. | Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo; Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba; |
| 11. | Baqubude kuye bonke ookumkani, Zimkhonze sonke iintlanga. |
| 12. | Ngokuba uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, Nabaziintsizana abangenaluncedo; |
| 13. | Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; Asindise imiphefumlo yamahlwempu; |
| 14. | Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; Linqabile emehlweni akhe igazi lawo. |
| 15. | Uya kuphila anikwe igolide yakwaShebha, Bahlale bemthandazela, Bamsikelele imini yonke. |
| 16. | Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba; Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon; Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba. |
| 17. | Malibe ngunaphakade igama lakhe; Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga, Bazisikelele ngaye; Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo. |
| 18. | Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli. Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa. |
| 19. | Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade, Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen. |
| 20. | Iphelile imithandazo kaDavide unyana kaYese. |
| ← Psalms (72/150) → |