Psalms (72/150)  

1. EkaSolomon. Thixo, mnike ukumkani imigwebo yakho, Mnike unyana wokumkani ubulungisa bakho.
2. Makagwebe ebantwini bakho ngobulungisa, Nakwabaziintsizana zakho ngokwesiko.
3. Iintaba mazibathwalele uxolo abantu, Kwaneenduli zibathwalele ebulungiseni.
4. Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini, Asindise oonyana bamahlwempu, Abatyumze abacudisi.
5. Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilanga Kwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana.
6. Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo, Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni.
7. Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga.
8. Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle, Ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni zehlabathi.
9. Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu, Zikhothe uthuli iintshaba zakhe.
10. Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo; Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;
11. Baqubude kuye bonke ookumkani, Zimkhonze sonke iintlanga.
12. Ngokuba uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, Nabaziintsizana abangenaluncedo;
13. Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; Asindise imiphefumlo yamahlwempu;
14. Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.
15. Uya kuphila anikwe igolide yakwaShebha, Bahlale bemthandazela, Bamsikelele imini yonke.
16. Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba; Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon; Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.
17. Malibe ngunaphakade igama lakhe; Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga, Bazisikelele ngaye; Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo.
18. Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli. Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa.
19. Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade, Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen.
20. Iphelile imithandazo kaDavide unyana kaYese.

  Psalms (72/150)