Psalms (69/150)  

1. Kumongameli; ngeyeenyibiba. EkaDavide. Ndisindise, Thixo; Ngokuba amanzi andifikele, ada eza emphefumlweni.
2. Nditshonile eludakeni olunzulu, akukho kuma; Ndingene emmbithini onamanzi, umsinga uyandintywilisela.
3. Ndidiniwe kukudanduluka; womile umqala wam; Aphelile amehlo am; mna ndilindele kuThixo.
4. Abandithiyayo ngelize baninzi ngaphezu kweenwele zentloko yam; Baninzi abandibangisayo, abaziintshaba zam bexoka; Into endingayiphanganga bathi mandiyibuyise.
5. Thixo, wena uyakwazi ukumatha kwam; Namatyala am akanakugushwa kuwe.
6. Mabangadani ngam abakuthembayo, Nkosi yam, Yehova wemikhosi; Mabangangcikivwa ngam abakufunayo, Thixo kaSirayeli.
7. Ngokuba ndithwele ingcikivo ngenxa yakho; Ihlazo libugqubuthele ubuso bam;
8. Ndingowasemzini kubazalwana bam; Ndingowolunye uhlanga kubantwana bakama:
9. Ngokuba lindidlile ikhwele ngenxa yendlu yakho: Iingcikivo zabakungcikivayo ziwe phezu kwam.
10. Mna, umphefumlo wam walila, uzila ukudla; Oko kwaba yingcikivo kum.
11. Iingubo zam zaba zezirhwexayo, Ndaba yinto yokuzekelisa kubo.
12. Bathetha ngam abahleli esangweni; Ndiyingoma yamanxila.
13. Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo: Thixo, ngobuninzi benceba yakho, Ndiphendule ngenyaniso yosindiso lwakho.
14. Ndihlangule eludakeni, ndingatshoni; Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi.
15. Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi; Ingandiginyi inzulu; Iqula malingandivingceli ngomlomo walo
16. Ndiphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho, Ngangobuninzi bemfesane yakho ndibheke.
17. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule.
18. Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule; Ngenxa yeentshaba zam ndikhulule.
19. Wena uyakwazi ukungcikivwa kwam, nokudaniswa kwam, nokuhlazwa kwam; Baphambi kwakho bonke abandibandezelayo.
20. Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa; Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho; Nokuthuthuzelwa, andakufumana.
21. Ukudla bandinika inyongo; Ekunxanweni kwam bandiseza iviniga.
22. Isithebe sabo phambi kwabo masibe ngumgibe; Sibe sisirhintyelo kwabanemasi.
23. Makabe mnyama amehlo abo, bangaboni, Usigxadazelise isinqe sabo amaxesha onke.
24. Baphalazele ngobhavumo lwakho, Kubafikele ukuvutha komsindo wakho.
25. Ingqili yabo mayibe senkangala, Ezintenteni zabo kungahlali mntu;
26. Ngokuba bayamsukela obethwe nguwe, Bancokole ngomvandedwa wobahlabileyo wena.
27. Yongeza ubugwenxa ebugwenxeni babo, Bangangeni ebulungi senibakho.
28. Mabacinywe encwadini yobomi, Bangabhalwa namalungisa.
29. Ke mna ndilusizana, ndinomvandedwa; Usindiso lwakho, Thixo, malundise engxondeni.
30. Ndiya kulidumisa igama likaThixo ngokuvuma, Ndilenze likhulu ngokubulela.
31. Oko kuya kukholeka kuYehova ngaphezu kweenkunzi ezintsha, Ezineempondo neempuphu.
32. Bebona abalulamileyo, bovuya; Nina bamquqelayo uThixo, intliziyo yenu mayiphile.
33. Ngokuba uYehova uyaweva amahlwempu, Akabadeli ababanjiweyo bakhe.
34. Malimdumise izulu nomhlaba, Ulwandle nento yonke enambuzelayo kulo.
35. Ngokuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon, ayakhe imizi yakwaYuda, Bahlale khona, bayime;
36. Ilidle ilifa imbewu yabakhonzi bakhe; Bahlale kuyo abalithandayo igama lakhe.

  Psalms (69/150)