| ← Psalms (69/150) → |
| 1. | Kumongameli; ngeyeenyibiba. EkaDavide. Ndisindise, Thixo; Ngokuba amanzi andifikele, ada eza emphefumlweni. |
| 2. | Nditshonile eludakeni olunzulu, akukho kuma; Ndingene emmbithini onamanzi, umsinga uyandintywilisela. |
| 3. | Ndidiniwe kukudanduluka; womile umqala wam; Aphelile amehlo am; mna ndilindele kuThixo. |
| 4. | Abandithiyayo ngelize baninzi ngaphezu kweenwele zentloko yam; Baninzi abandibangisayo, abaziintshaba zam bexoka; Into endingayiphanganga bathi mandiyibuyise. |
| 5. | Thixo, wena uyakwazi ukumatha kwam; Namatyala am akanakugushwa kuwe. |
| 6. | Mabangadani ngam abakuthembayo, Nkosi yam, Yehova wemikhosi; Mabangangcikivwa ngam abakufunayo, Thixo kaSirayeli. |
| 7. | Ngokuba ndithwele ingcikivo ngenxa yakho; Ihlazo libugqubuthele ubuso bam; |
| 8. | Ndingowasemzini kubazalwana bam; Ndingowolunye uhlanga kubantwana bakama: |
| 9. | Ngokuba lindidlile ikhwele ngenxa yendlu yakho: Iingcikivo zabakungcikivayo ziwe phezu kwam. |
| 10. | Mna, umphefumlo wam walila, uzila ukudla; Oko kwaba yingcikivo kum. |
| 11. | Iingubo zam zaba zezirhwexayo, Ndaba yinto yokuzekelisa kubo. |
| 12. | Bathetha ngam abahleli esangweni; Ndiyingoma yamanxila. |
| 13. | Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo: Thixo, ngobuninzi benceba yakho, Ndiphendule ngenyaniso yosindiso lwakho. |
| 14. | Ndihlangule eludakeni, ndingatshoni; Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi. |
| 15. | Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi; Ingandiginyi inzulu; Iqula malingandivingceli ngomlomo walo |
| 16. | Ndiphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho, Ngangobuninzi bemfesane yakho ndibheke. |
| 17. | Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule. |
| 18. | Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule; Ngenxa yeentshaba zam ndikhulule. |
| 19. | Wena uyakwazi ukungcikivwa kwam, nokudaniswa kwam, nokuhlazwa kwam; Baphambi kwakho bonke abandibandezelayo. |
| 20. | Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa; Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho; Nokuthuthuzelwa, andakufumana. |
| 21. | Ukudla bandinika inyongo; Ekunxanweni kwam bandiseza iviniga. |
| 22. | Isithebe sabo phambi kwabo masibe ngumgibe; Sibe sisirhintyelo kwabanemasi. |
| 23. | Makabe mnyama amehlo abo, bangaboni, Usigxadazelise isinqe sabo amaxesha onke. |
| 24. | Baphalazele ngobhavumo lwakho, Kubafikele ukuvutha komsindo wakho. |
| 25. | Ingqili yabo mayibe senkangala, Ezintenteni zabo kungahlali mntu; |
| 26. | Ngokuba bayamsukela obethwe nguwe, Bancokole ngomvandedwa wobahlabileyo wena. |
| 27. | Yongeza ubugwenxa ebugwenxeni babo, Bangangeni ebulungi senibakho. |
| 28. | Mabacinywe encwadini yobomi, Bangabhalwa namalungisa. |
| 29. | Ke mna ndilusizana, ndinomvandedwa; Usindiso lwakho, Thixo, malundise engxondeni. |
| 30. | Ndiya kulidumisa igama likaThixo ngokuvuma, Ndilenze likhulu ngokubulela. |
| 31. | Oko kuya kukholeka kuYehova ngaphezu kweenkunzi ezintsha, Ezineempondo neempuphu. |
| 32. | Bebona abalulamileyo, bovuya; Nina bamquqelayo uThixo, intliziyo yenu mayiphile. |
| 33. | Ngokuba uYehova uyaweva amahlwempu, Akabadeli ababanjiweyo bakhe. |
| 34. | Malimdumise izulu nomhlaba, Ulwandle nento yonke enambuzelayo kulo. |
| 35. | Ngokuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon, ayakhe imizi yakwaYuda, Bahlale khona, bayime; |
| 36. | Ilidle ilifa imbewu yabakhonzi bakhe; Bahlale kuyo abalithandayo igama lakhe. |
| ← Psalms (69/150) → |