Psalms (67/150)  

1. Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)
2. Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.
3. Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;
4. Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)
5. Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.
6. Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;
7. Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.

  Psalms (67/150)