| ← Psalms (66/150) → |
| 1. | Kumongameli. Ingoma. Umhobe. Dumani kuThixo, nonke hlabathi, |
| 2. | Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe, Mzukiseni, mdumiseni. |
| 3. | Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho! Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho. |
| 4. | Lonke ihlabathi liya kukunqula, Bakubethele uhadi; Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.) |
| 5. | Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo, Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu. |
| 6. | Waluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo; Bawuwela umlambo ngeenyawo; Apho savuya ngaye. |
| 7. | Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade; Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni; Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.) |
| 8. | Mbongeni, zizwe, uThixo wethu, Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe. |
| 9. | Ulomisa umphefumlo wethu ebomini, Akalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni. |
| 10. | Ngokuba usicikidile, Thixo; Usinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere; |
| 11. | Usingenise emboniselweni; Ubeke uxinzelelo esinqeni sethu; |
| 12. | Ukhwelise abantu entlokweni yethu; Singene emlilweni nasemanzini; Waza wasikhuphela endaweni enendyebo. |
| 13. | Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo; Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam, |
| 14. | Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam, Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam. |
| 15. | Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo, Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha; Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.) |
| 16. | Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo, Oko akwenzele umphefumlo wam. |
| 17. | Ndadanduluka kuye ngomlomo wam; Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam. |
| 18. | Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, INkosi yam ibingayi kuphulaphula. |
| 19. | Hayi ke, uThixo uphulaphule, Ulibazele indlebe ilizwi lomthandazo wam. |
| 20. | Makabongwe uThixo, Yena ungawugxothanga umthandazo wam, Nobubele bakhe kum. |
| ← Psalms (66/150) → |