| ← Psalms (65/150) → |
| 1. | Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ingoma. Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon; Sizaliswa kuwe isibhambathiso. |
| 2. | Wena mphulaphuli wemithandazo, Iza kuwe inyama yonke. |
| 3. | Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa, Ukreqo lwethu uyaluxolela wena ngocamagushelo. |
| 4. | Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho! Siya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho, Kwetempile yakho engcwele. |
| 5. | Usiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa, Thixo osisindisayo; Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude; |
| 6. | Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe, Ebhinqe ubugorha; |
| 7. | Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo, Nokuxokozela kwezizwe. |
| 8. | Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi. Umemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa. |
| 9. | Uwuvelele umhlaba, wawunyela, Wawutyebisa kakhulu. Umjelo kaThixo uzele ngamanzi: Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa. |
| 10. | Useza ihluthe imisele yawo; Unyakamisa imiqela yawo. Uthambisa ngeziphango; Usikelela izilimo zawo. |
| 11. | Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho, Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba. |
| 12. | Ayatsitsa amakriwa entlango, Iinduli zizibhinqise umgcobo. |
| 13. | Amadlelo anxibe imihlambi yeenkomo; Iintili zambethe ingqolowa. Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma. |
| ← Psalms (65/150) → |