| ← Psalms (62/150) → |
| 1. | Kumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide. Uthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam; Kuvela kuye ukusindiswa kwam. |
| 2. | Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu. |
| 3. | Kunini na nisuka indulumbane emntwini? Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo? |
| 4. | Bagqibe kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele; Bakholene namanga; Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.) |
| 5. | Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam. |
| 6. | Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa. |
| 7. | KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo. |
| 8. | Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.) |
| 9. | Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda; Esikalini bangenyuka, Bangumphunga bephelele. |
| 10. | Musani ukukholosa ngokudla abantu, Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo. Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela. |
| 11. | Uthethe nto-nye uThixo, Ezi zinto zimbini ndizivile: Ukuba amandla ngakaThixo, |
| 12. | Nenceba yeyakho, Nkosi yam; Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe. |
| ← Psalms (62/150) → |