Psalms (62/150)  

1. Kumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide. Uthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam; Kuvela kuye ukusindiswa kwam.
2. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.
3. Kunini na nisuka indulumbane emntwini? Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?
4. Bagqibe kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele; Bakholene namanga; Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)
5. Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam.
6. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.
7. KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.
8. Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
9. Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda; Esikalini bangenyuka, Bangumphunga bephelele.
10. Musani ukukholosa ngokudla abantu, Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo. Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela.
11. Uthethe nto-nye uThixo, Ezi zinto zimbini ndizivile: Ukuba amandla ngakaThixo,
12. Nenceba yeyakho, Nkosi yam; Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe.

  Psalms (62/150)