Psalms (61/150)  

1. Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam.
2. Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
3. Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4. Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
5. Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam; Ubanike ilifa abaloyikayo igama lakho.
6. Uya kongeza imihla emihleni yokumkani; Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;
7. Uya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo; Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.
8. Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.

  Psalms (61/150)