| ← Psalms (60/150) → |
| 1. | Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa. |
| 2. | Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma. |
| 3. | Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo. |
| 4. | Ubanike ibhanile abakoyikayo, Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.) |
| 5. | Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule. |
| 6. | UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti. |
| 7. | Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo; |
| 8. | UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Filisti, nkqangaza wena ngam. |
| 9. | Ngubani na owondisa emzini wamandla? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom? |
| 10. | Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu. |
| 11. | Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu. |
| 12. | NgoThixo siya kweyisa, Wobagqusha yena ababandezeli bethu. |
| ← Psalms (60/150) → |