Psalms (6/150)  

1. Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.
2. Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
3. Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4. Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.
5. Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6. Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela.
10. Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.

  Psalms (6/150)