| ← Psalms (51/150) → |
| 1. | Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha. Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam! |
| 2. | NdÂ’ixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, Undihlambulule esonweni sam. |
| 3. | Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke. |
| 4. | Ndonile kuwe, kuwe wedwa, Ndenza okubi emehlweni akho; Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho, Ucace ekugwebeni kwakho. |
| 5. | Uyabona, ndizalelwe ebugwenxeni, Ndakhawulwa nguma esonweni. |
| 6. | Uyabona, ufuna inyaniso ezintsweni, Esitheni undazisa ubulumko. |
| 7. | Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke; Ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu; |
| 8. | Ndivise imihlali nemivuyo, Agcobe amathambo owacolileyo. |
| 9. | Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, Ubucime bonke ubugwenxa bam. |
| 10. | Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam. |
| 11. | Musa ukundilahla ebusweni bakho, UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum. |
| 12. | Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho, Undixhase ngomoya wentumekelelo. |
| 13. | Ndobafundisa abangendawo iindlela zakho, Babuyele kuwe aboni. |
| 14. | Ndihlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo; Lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam. |
| 15. | Nkosi yam, vula imilebe yomlomo wam, Uyixele indumiso yakho umlomo wam. |
| 16. | Ngokuba akunanze mibingelelo, bendiya kukunika; Akalikholo kuwe amadini anyukayo. |
| 17. | Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela. |
| 18. | Yenzele okulungileyo iZiyon ngokukholekileyo kuwe; Yakha iindonga zeYerusalem. |
| 19. | Kuya kwandula ukuba mnandi kuwe imibingelelo yobulungisa, amadini apheleleyo; Ziya kwandula ukunyuswa iinkunzi ezintsha zeenkomo esibingelelweni sakho. |
| ← Psalms (51/150) → |