Psalms (50/150)  

1. Umhobe ka-Asafu. UThixo, uThixo uYehova uyathetha; Uyalibiza ihlabathi, ethabathela ekuphumeni kwelanga esisa ekutshoneni kwalo.
2. EZiyon, ukuphela kweenzwana, Uyakhazimla uThixo.
3. Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
4. Ubiza izulu phezulu, Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
5. Uthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba, Abenze umnqophiso nam ngombingelelo.
6. Izulu lixela ubulungisa bakhe, Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
7. Yivani, bantu bam, ndithethe; Sirayeli, ndiqononondise kuwe; NdinguThixo, uThixo wakho.
8. Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho, Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
9. Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho, Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.
10. Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
11. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, Nento edakasa endle inam.
12. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela; Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
13. Ndidle inyama yeenkunzi eziziimbalasane na? Ndisele igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
14. Bingelela kuYehova umbulelo, Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;
15. Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.
16. Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam,
17. Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?
18. Xa ubona isela, ukholana nalo, Wabelane nabakrexezi.
19. Umlomo wakho uwuyekela ebubini; Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;
20. Uthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho, Uhlaze umntwana kanyoko.
21. Uzenzile ezo nto, ndathi tu, Waba ndinjengawe. Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.
22. Khaniqonde ke oko, nina bamlibalayo uThixo, Hleze ndiqwenge, kungabikho uhlangulayo.
23. Obingelela umbulelo uyandizukisa, Alungise indlela, Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.

  Psalms (50/150)