Psalms (5/150)  

1. Kumongameli: ngogwali. Umhobe kaDavide. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, Kuqonde ukucamanga kwam.
2. Libazele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam; Ngokuba ndithandaza kuwe.
3. Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa, Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele.
4. Ngokuba wena akunguThixo onanze okungendawo, Akanakuphambukela kuwe onobubi.
5. Abanakuma abaqhayisi phambi kwamehlo akho; Uyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga.
6. Uyabatshabalalisa abathetha amanga; Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova.
7. Ke mna, ndinokungena endlwini yakho ngenceba yakho eninzi, Ndiqubude, ndibhekise etempileni yakho engcwele ngokukoyika.
8. Yehova, ndikhaphe ngobulungisa bakho ngenxa yabandilaleleyo; Yilungelelanise indlela yakho phambi kwam.
9. Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo, Umbilini wabo ngumeyeliselo; Lingcwaba elivuliweyo umqala wabo; Bathetha okugudileyo ngolwimi lwabo.
10. Bathwalise ityala, Thixo; Makatshitshe amaqhinga abo; Elukreqweni lwabo oluninzi batyhale, Ngokuba bakuphikisile.
11. Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele; Badlamke ngawe abalithandayo igama lakho.
12. Ngokuba wena uyalisikelela ilungisa, Yehova, Ulihlanganisele ngenkoliseko njengekhaka.

  Psalms (5/150)