| ← Psalms (48/150) → |
| 1. | Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele. |
| 2. | Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu. |
| 3. | UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde. |
| 4. | Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye; |
| 5. | Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu; |
| 6. | Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo. |
| 7. | Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe. |
| 8. | Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.) |
| 9. | Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho. |
| 10. | Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa. |
| 11. | Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho. |
| 12. | Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde. |
| 13. | Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo, |
| 14. | Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni. |
| ← Psalms (48/150) → |