| ← Psalms (47/150) → | 
| 1. | Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela. | 
| 2. | Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke. | 
| 3. | Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu. | 
| 4. | Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.) | 
| 5. | UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo. | 
| 6. | Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni! | 
| 7. | Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa. | 
| 8. | UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele. | 
| 9. | Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena. | 
| ← Psalms (47/150) → |