Psalms (46/150)  

1. Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.
2. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.
3. Makagqume alephuze amanzi alo, Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)
4. Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo, Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
5. UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa; UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
6. Ziyaxokozela iintlanga, ziyashukuma izikumkani: Ukhupha izwi lakhe, linyibilike ihlabathi.
7. UYehova wemikhosi unathi, Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)
8. Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova: Owenze iziphanziso ehlabathini;
9. Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; Waphula isaphetha, angqumze umkhonto, Atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.
10. Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna. Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini.
11. UYehova wemikhosi unathi, Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)

  Psalms (46/150)