| ← Psalms (41/150) → |
| 1. | Kumongameli. Umhobe kaDavide. Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula. |
| 2. | UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile. Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini; Ungamnikeli elitheni leentshaba zakhe. |
| 3. | UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe; Uya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe. |
| 4. | Ndithi mna, Yehova, tarhu; Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe. |
| 5. | Iintshaba zam zithetha kakubi ngam; Zithi, Uya kufa nini na, lidake igama lakhe? |
| 6. | Nothe weza kundilunguza, uthetha into ekhohlakeleyo; Intliziyo yakhe ibutha ubutshinga; Uphuma phandle, abuthethe. |
| 7. | Basebezelana ngam bonke abandithiyayo; Bacinga ububi ngam. |
| 8. | Bathi, Unanyekwe bubutshijolo, Engoleleyo nje, akayi kubuya avuke. |
| 9. | Kwanendoda ebixolelene nam, ebe ndikholose ngayo, Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo. |
| 10. | Wena Yehova, ndibabale, undiphakamise, Ndibabuyekeze. |
| 11. | Ndazi ngale nto, ukuba undinonelele, Yokokuba lungenakundidumela utshaba lwam. |
| 12. | Mna ekugqibeleleni kwam uyandixhasa, Undimisa phambi kwakho ngonaphakade. |
| 13. | Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen. |
| ← Psalms (41/150) → |