| ← Psalms (40/150) → |
| 1. | Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam. |
| 2. | Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam. |
| 3. | Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova. |
| 4. | Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo, Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga! |
| 5. | Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo, Nangeengcinga zakho kuthi; Akukho nto inokulinganiswa nawe; Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo; Ke ziyinkohla engenakubalwa. |
| 6. | Akunanze mbingelelo namnikelo wakudla; Iindlebe zam uzivulile; Akubizi dini linyukayo nadini lasono. |
| 7. | Ndaza ndathi, Yabona, Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam. |
| 8. | Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi. |
| 9. | Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu; Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam; Yehova, wena uyazi. |
| 10. | Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam; Ndakukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho; Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu. |
| 11. | Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum; Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza. |
| 12. | Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa; Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela; Buninzi kuneenwele zentloko yam; Ndimkelwe yintliziyo. |
| 13. | Ngamana, Yehova, wandihlangula; Yehova, wakhawuleza wandinceda! |
| 14. | Mabadane babe neentloni kuphele Abazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe; Mababuye muva bahlazeke |
| 15. | Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo labo Abathi kum, Tshotsho! Tshotsho! |
| 16. | Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo, Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi, Makenziwe mkhulu uYehova. |
| 17. | Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu; INkosi iya kundikhumbulela. Umncedi wam nomsindisi wam nguwe; Thixo wam, musa ukulibala. |
| ← Psalms (40/150) → |