| ← Psalms (38/150) → |
| 1. | Umhobe kaDavide: eyokukhumbuza. Yehova, musa ukundohlwaya unoburhalarhume, Ungandithethisi unobushushu: |
| 2. | Ngokuba iintolo zakho zitshone kum, Sehla kanzima kum isandla sakho. |
| 3. | Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho; Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam. |
| 4. | Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam, Bundisinda njengomthwalo onzima. |
| 5. | Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam, Ngenxa yokumatha kwam. |
| 6. | Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu; Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila. |
| 7. | Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam, Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam. |
| 8. | Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu; Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam. |
| 9. | Nkosi yam, uphambi kwakho wonke umnqweno wam, Nokuncwina kwam akusithele kuwe. |
| 10. | Iphaphu lam liyabetha, ndiphelelwe ngamandla; Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum. |
| 11. | Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam, Nezalamane zam zimi kude. |
| 12. | Bandithiyele abafuna umphefumlo wam; Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela, Bacamanga inkohliso imini yonke. |
| 13. | Ke mna ndinjengesithulu, andiva; Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso. |
| 14. | Ndinjengomntu ongeva nto, Omlomo ungenakuthethisa. |
| 15. | Ngokuba ndilindele kuwe, Yehova; Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam, |
| 16. | Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyelele Bona abo bangazikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam. |
| 17. | Ngokuba ndihlalele ukujingxela, Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke. |
| 18. | Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam; Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam. |
| 19. | Ke zona iintshaba zam ziphilile, ziziimfidi; Baninzi abandithiyileyo bexoka; |
| 20. | Abandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo Bayandichasa, ngenxa yokuphuthuma kwam okulungileyo. |
| 21. | Musa ukundishiya, Yehova; Thixo wam, musa ukuba kude nam. |
| 22. | Khawuleza undincede, Nkosi yam, Msindisi wam. |
| ← Psalms (38/150) → |