← Psalms (34/150) → |
1. | EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe. |
2. | Uya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Bova abalulamileyo, bavuye. |
3. | Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe. |
4. | Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo. |
5. | Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo ababa nazintloni. |
6. | Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke. |
7. | Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule. |
8. | Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye! |
9. | Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Ngokuba abanakuswela abamoyikayo. |
10. | Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo. |
11. | Yizani, bonyana, phulaphulani kum; Ndonifundisa ukoyika uYehova. |
12. | Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi, Othanda imihla yokubona okulungileyo? |
13. | Gcina ulwimi lwakho ebubini, Umlomo wakho ungathethi nkohliso. |
14. | Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume. |
15. | Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo. |
16. | Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo. |
17. | Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke. |
18. | Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo. |
19. | Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, Ke uYehova ulihlangula kubo bonke. |
20. | Uyawagcina onke amathambo alo, Akwaphuki nalinye kuwo. |
21. | Ububi buyambulala ongendawo; Abathiyi belungisa bayalithwala ityala. |
22. | UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye. |
← Psalms (34/150) → |