Psalms (33/150)  

1. Memelelani kuYehova, nina malungisa; Ibafanele abathe tye indumiso.
2. Bulelani kuYehova ngohadi, Mbetheleni umrhubhe ontambo zilishumi.
3. Mvumeleni ingoma entsha, Nilungise ukubetha ngelokuduma;
4. Nokuba lithe tye ilizwi likaYehova, Konke akwenzayo kuthembekile.
5. Ngumthandi wobulungisa nokusesikweni, Lizele ihlabathi yinceba kaYehova.
6. Lenzeka ngelizwi likaYehova izulu, Umkhosi walo lonke ngomoya womlomo wakhe.
7. Ulobutha njengemfumba amanzi olwandle, Ulobeka koovimba amanzi enzonzobila.
8. Malimoyike uYehova lonke ihlabathi, Bamhlonele bonke abemi belimiweyo;
9. Ngokuba wathetha, kwabakho; Wawisa umthetho yena, kwema.
10. UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga; Uzalele iingcinga zezizwe.
11. Icebo likaYehova limi ngonaphakade, Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.
12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova; Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.
13. Uqondele esemazulwini uYehova; Uyababona bonke oonyana babantu;
14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondele Kubemi bonke behlabathi:
15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo, Uloqonda zonke izenzo zabo.
16. Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu; Igorha alihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
17. Liyaxoka ihashe ukuba lingasindisa, Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
18. Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo, Abalindele inceba yakhe,
19. Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo, Abagcine ngexesha lendlala.
20. Umphefumlo wethu ulindele kuYehova; Nguye uncedo lwethu, nengweletshetshe yethu.
21. Ngokuba iya kuvuya ngaye intliziyo yethu, Sikholosile nje ngegama lakhe elingcwele.
22. Inceba yakho mayibe phezu kwethu, Yehova, Njengoko sikulindeleyo kuwe.

  Psalms (33/150)