Psalms (30/150)  

1. Umhobe: ingoma yokusungulwa kwayo indlu. EkaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa, Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
2. Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
3. Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
4. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele,
5. Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela.
6. Ke mna ndathi ebunqobeni bam, Andiyi kushukunyiswa naphakade.
7. Yehova, enkolosekweni yakho ubuyiqinisile intaba yam; Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
8. Ndadanduluka kuwe, Yehova, Ndakhunga kuYehova:
9. Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
10. Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam.
11. Wakuguqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba; Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,
12. Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungathi cwaka. Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.

  Psalms (30/150)