← Psalms (30/150) → |
1. | Umhobe: ingoma yokusungulwa kwayo indlu. EkaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa, Akwazivuyisa iintshaba zam ngam. |
2. | Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa; |
3. | Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini. |
4. | Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele, |
5. | Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela. |
6. | Ke mna ndathi ebunqobeni bam, Andiyi kushukunyiswa naphakade. |
7. | Yehova, enkolosekweni yakho ubuyiqinisile intaba yam; Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa. |
8. | Ndadanduluka kuwe, Yehova, Ndakhunga kuYehova: |
9. | Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho? |
10. | Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam. |
11. | Wakuguqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba; Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo, |
12. | Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungathi cwaka. Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade. |
← Psalms (30/150) → |