| ← Psalms (3/150) → |
| 1. | Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! Baninzi abasukela phezulu kum. |
| 2. | Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.) |
| 3. | Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam. |
| 4. | Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.) |
| 5. | Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa. |
| 6. | Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum. |
| 7. | KhawusukÂ’ ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula. |
| 8. | Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.) |
| ← Psalms (3/150) → |