Psalms (29/150)  

1. Umhobe kaDavide. Mnikeni uYehova, nina nyana bakaThixo, Mnikeni uYehova uzuko namandla.
2. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Qubudani kuYehova nivethe ezingcwele.
3. Izwi likaYehova liphezu kwamanzi; UThixo wozuko uyadudumisa, KwauYehova phezu kwamanzi amaninzi.
4. Izwi likaYehova linamandla, Izwi likaYehova linobungangamela;
5. Izwi likaYehova laphula imisedare, UYehova waphula imisedare yaseLebhanon.
6. Uyidlobisa njengenkonyana, ILebhanon neSiriyon njengethole lenqu.
7. Izwi likaYehova lilenyise okwamalangatye omlilo,
8. Izwi likaYehova liyenza isaqhwithi intlango, UYehova uyenza isaqhwithi intlango yaseKadeshe.
9. Izwi likaYehova lizuzisa amaxhamakazi, Lihlube amahlathi; Etempileni yakhe into yonke iphela ithi, Luzuko!
10. UYehova wahlala kunogumbe, UYehova uhleli enguKumkani ngonaphakade.
11. UYehova uya kubanika abantu bakhe amandla; UYehova uya kubasikelela abantu bakhe ngoxolo.

  Psalms (29/150)