← Psalms (29/150) → |
1. | Umhobe kaDavide. Mnikeni uYehova, nina nyana bakaThixo, Mnikeni uYehova uzuko namandla. |
2. | Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Qubudani kuYehova nivethe ezingcwele. |
3. | Izwi likaYehova liphezu kwamanzi; UThixo wozuko uyadudumisa, KwauYehova phezu kwamanzi amaninzi. |
4. | Izwi likaYehova linamandla, Izwi likaYehova linobungangamela; |
5. | Izwi likaYehova laphula imisedare, UYehova waphula imisedare yaseLebhanon. |
6. | Uyidlobisa njengenkonyana, ILebhanon neSiriyon njengethole lenqu. |
7. | Izwi likaYehova lilenyise okwamalangatye omlilo, |
8. | Izwi likaYehova liyenza isaqhwithi intlango, UYehova uyenza isaqhwithi intlango yaseKadeshe. |
9. | Izwi likaYehova lizuzisa amaxhamakazi, Lihlube amahlathi; Etempileni yakhe into yonke iphela ithi, Luzuko! |
10. | UYehova wahlala kunogumbe, UYehova uhleli enguKumkani ngonaphakade. |
11. | UYehova uya kubanika abantu bakhe amandla; UYehova uya kubasikelela abantu bakhe ngoxolo. |
← Psalms (29/150) → |