| ← Psalms (28/150) → |
| 1. | EkaDavide. Ndidanduluka kuwe, Yehova; Liwa lam, musa ukuzenza isithulu; Hleze, wakuthi cwaka kum, Ndifane nabahla baye emhadini. |
| 2. | Yiva izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe, Ekuziphakamiseleni kwam izandla zam kwingcwele kangcwele. |
| 3. | Musa ukundiqweqwedisa nabangendawo, Nabenzi bobutshinga; Abathetha uxolo kummelwane wabo, Benobubi ezintliziyweni zabo. |
| 4. | Banike ngokwemisebenzi yabo, ngokobubi beentlondi zabo; Banike ngokwezenzo zezandla zabo; Babuyisele ngokwempatho yabo. |
| 5. | Ekubeni bengayiqondi imisebenzi kaYehova, Nezenzo zezandla zakhe, Uya kubagungxula, angabakhi. |
| 6. | Makabongwe uYehova, Kuba elivile ilizwi lokukhunga kwam. |
| 7. | NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka. Iyadlamka ke intliziyo yam, Ndiyamdumisa ngengoma yam. |
| 8. | UYehova ungamandla kubo; Uligwiba losindiso kumthanjiswa wakhe yena. |
| 9. | Sindisa abantu bakho, Usikelele ilifa lakho, Ubaluse, ubathwale kude kuse ephakadeni. |
| ← Psalms (28/150) → |