Psalms (25/150)  

1. EkaDavide. Ndiwuphakamisela kuwe, Yehova, umphefumlo wam.
2. Thixo wam, ndikholose ngawe, Mandingadani; Mazingandivuyeleli iintshaba zam.
3. Ewe, bonke abo bakuthembayo abayi kudana; Kuya kudana abo banginiza ngelize.
4. Ndazise iindlela zakho, Yehova, Ndifundise umendo wakho.
5. Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise; Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam; Ndithembe wena yonke imihla.
6. Khumbula iimfesane zakho, Yehova, neenceba zakho; Ngokuba kususela kwaphakade zikho.
7. Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam; Ndikhumbule ngokwenceba yakho wena, Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.
8. Ulungile, uthe tye uYehova; Ngenxa yoko uyabayalela indlela aboni.
9. Uyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe, Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.
10. Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso, Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.
11. Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam, Ngokuba bukhulu bona.
12. Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova? Womyalela indlela aya kuyinyula.
13. Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile, Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.
14. Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo; Ubazisa umnqophiso wakhe.
15. Amehlo am ahlala emi kuYehova, Ngokuba nguye ozirholayo eluthanjeni iinyawo zam.
16. Ndibheke, undibabale, Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile.
17. Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe; Ndikhuphe ekucuthekeni kwam.
18. Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam, Uxolele zonke izono zam.
19. Zikhangele iintshaba zam, ngokuba zininzi; Zindithiye ngentiyo egonyamelayo.
20. Wugcine umphefumlo wam, undihlangule; Mandingadani, ngokuba ndizimela ngawe.
21. Ukugqibelela nokuthi tye makundilondoloze, Ngokuba ndithembele kuwe.
22. Khulula uSirayeli, Thixo, Ezimbandezelweni zakhe zonke.

  Psalms (25/150)