| ← Psalms (22/150) → |
| 1. | Kumongameli: ngeyelexhama lesifingo. Umhobe kaDavide. Thixo wam, Thixo wam, undilahleleni na? Ukude ngani na ekusindisweni kwam, nasemazwini okubonga kwam? |
| 2. | Thixo wam, ndiyabiza emini, ungaphenduli; Nasebusuku ndiyabiza, andithozanyiswa noko. |
| 3. | Ungcwele ke wena, Ungulohlala ezindumisweni zakwaSirayeli. |
| 4. | Oobawo bakholosa ngawe, Bakholosa, wabasiza; |
| 5. | Bakhala kuwe, basinda; Bakholosa ngawe, abadana. |
| 6. | Ke mna ndingumbungu, andimntu; Ndisisingcikivo soluntu, into edelekileyo ebantwini. |
| 7. | Bonke abandibonayo bayandigculela; Bayasineka, bahlunguzela intloko; |
| 8. | Bathi, Makazilahlele kuYehova, amsize, Amhlangule kaloku, ngokuba emthandile. |
| 9. | Ewe, nguwe umtyhobozisi wam esizalweni, Inkolosisi yam ndisemabeleni kama. |
| 10. | Ndalahlelwa kuwe kwasesizalweni; Kwasembilinini kama ubunguThixo wam. |
| 11. | Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo, Ngokuba akukho mncedi. |
| 12. | Ndingqongwe ziinkunzi ezininzi, Ndihlanganyelwe zeziziimbalasane zaseBhashan. |
| 13. | Zindakhamele umlomo wazo, Njengengonyama eqwengayo, egqumayo. |
| 14. | Ndiphalele njengamanzi, Ahlukene onke amathambo am; Yanjengomthwebeba intliziyo yam, Inyibilikile phakathi kwezibilini zam. |
| 15. | Omile njengegophe amandla am, Ulwimi lwam lunamathele ekhuhlangubeni lam; Undibeka eluthulini lokufa. |
| 16. | Ngokuba izinja zindirhawule, Ibandla labenzi bokubi lindingungele; Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam. |
| 17. | Ndinokuwabala onke amathambo am; Bona bayandijonga, bayandibonela, |
| 18. | Babelana ngeengubo zam, Isambatho sam basenzela amaqashiso. |
| 19. | Ke wena, Yehova, musa ukuba kude; Mandla am, khawuleza undincede. |
| 20. | Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam, Okuphela kwawo, ethupheni lenja. |
| 21. | Ndisindise emlonyeni wengonyama, Nasezimpondweni zenqu uya kundiphendula. |
| 22. | Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam, Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi, |
| 23. | Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni; Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni, Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli. |
| 24. | Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula. |
| 25. | Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu; Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo. |
| 26. | Baya kudla abalulamileyo, bahluthe; Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo. Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade! |
| 27. | Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi, Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga: |
| 28. | Ngokuba bobukaYehova ubukumkani, Nguye umlawuli ezintlangeni. |
| 29. | Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi; Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini, Abangawugciniyo umphefumlo wabo. |
| 30. | Imbewu iya kumkhonza; Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi. |
| 31. | Baya kuza baxele ubulungisa bayo Kubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile. |
| ← Psalms (22/150) → |