| ← Psalms (21/150) → |
| 1. | Kumongameli. Umhobe kaDavide. Yehova, uvuyile ngamandla akho ukumkani, Asikuko nokuba uyagcoba ngosindiso lwakho! |
| 2. | Umnike umnqweno wentliziyo yakhe Akwasilandula isicelo somlomo wakhe. (Phakamisani.) |
| 3. | Ngokuba umkhawulela ngeentsikelelo zokulungileyo, Umthwesa isithsaba segolide engcwengekileyo. |
| 4. | Wacela ubomi kuwe, wampha, Wamnika imihla emide ngonaphakade kanaphakade. |
| 5. | Lukhulu uzuko lwakhe ngosindiso lwakho; Ubeka phezu kwakhe indili nobungangamela. |
| 6. | Ngokuba umenze waba yintsikelelo ngonaphakade, Umvuyisa ngovuyo ebusweni bakho. |
| 7. | Ngokuba ukumkani ukholose ngoYehova, Ngenceba yOsenyangweni akayi kushukunyiswa. |
| 8. | Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho, Esokunene sakho siya kubafumana abakuthiyayo. |
| 9. | Uya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala. UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe, Nomlilo ubadle. |
| 10. | Uya kusitshabalalisa isiqhamo sabo emhlabeni, Imbewu yabo koonyana babantu. |
| 11. | Ngokuba bakuthobela ububi, Bacinga iyelenqe; abayi kufeza nto. |
| 12. | Ngokuba uya kubenza bakunikele umhlana; Ngesaphetha sakho uya kuxuna iintolo zakho ebusweni babo. |
| 13. | Phakama, Yehova, ngamandla akho; Siya kuvuma sibethe uhadi ngobugorha bakho. |
| ← Psalms (21/150) → |