| ← Psalms (2/150) → |
| 1. | Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto? |
| 2. | Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe; |
| 3. | Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi. |
| 4. | Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela. |
| 5. | Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo. |
| 6. | Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele. |
| 7. | Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele. |
| 8. | Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho. |
| 9. | Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe. |
| 10. | Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani. |
| 11. | Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela. |
| 12. | Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye! |
| ← Psalms (2/150) → |