Psalms (18/150)  

1. Kumongameli. Eyomkhonzi kaYehova. EkaDavide, owawathethayo kuYehova amazwi ale ngoma, mhlenikweni uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke nasesandleni sikaSawule; wathi: Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam.
2. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizimela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!
3. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ezintshabeni zam.
4. Izintya zokufa zandijikela; Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.
5. Izintya zelabafileyo zandibhijela; Izirhintyelo zokufa zabetha kum.
6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.
7. Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zeentaba zagungqa, Zahexa, ngokuba enomsindo.
8. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe, Kwavutha amalahle ephuma kuwo.
9. Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
10. Wakhwela ekerubhini, waphaphazela, Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.
11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye; Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.
12. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akhe Isiphango samatye, namalahle omlilo.
13. Wadudumisa ezulwini uYehova, Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe. Yasisiphango samatye namalahle omlilo.
14. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa; Yamininzi imibane, wabadubaduba.
15. Imiphantsi yamanzi yabonakala, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kwakho, Yehova, Ngokufutha komoya womsindo wakho.
16. Wolula isandla ephezulu, wandibamba, Wandirhola emanzini amaninzi.
17. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.
18. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam, UYehova wandixhasa.
19. Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula, ngokuba endithandile.
20. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam.
21. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
22. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;
23. Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa,
24. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.
25. Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;
26. Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
27. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo, Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
28. Ngokuba uyasilumeka isibane sam wena; UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.
29. Ngokuba ngawe ndigila amajarha, NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.
30. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe; Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Uyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
31. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova? Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
32. UloThixo undibhinqise ubukroti, Uyigqibelelisileyo indlela yam;
33. Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi, Undimisayo emimangweni yam:
34. Uzifundisayo ukulwa izandla zam, Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.
35. Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho: Sandixhasa isandla sakho sokunene; Ululamo lwakho lwandikhulisa.
36. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam, Amaxhwele am akahexa.
37. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana; Andabuya zada zaphela.
38. Ndaziqoba; azaba nakuvuka, Zawa phantsi kweenyawo zam.
39. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni, Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;
40. Wandinika ikhosi leentshaba zam, Abandithiyayo ndababhangisa.
41. Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula.
42. Ndabacola, banjengothuli phambi komoya, Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato.
43. Wandisiza ekubambaneni kwabantu, Wandimisa ndayintloko yeentlanga; Abantu ebe ndingabazi bandikhonza.
44. Besave ngeendlebe, bandithobela, Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;
45. Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya, Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo.
46. UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam, Aphakanyiswe uThixo ondisindisayo.
47. UloThixo wandinika impindezelo, Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;
48. Undisiza ezintshabeni zam; Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum, Undihlangule kumfo ogonyamelayo.
49. Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga, Ndivume kwigama lakho.
50. Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe: Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe, KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.

  Psalms (18/150)