| ← Psalms (16/150) → |
| 1. | Eyona iligugu likaDavide. Ndigcine, Thixo, ngokuba ndizimela ngawe. |
| 2. | Ndithe kuYehova, UyiNkosi yam, Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho. |
| 3. | Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo. |
| 4. | Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam. |
| 5. | NguYehova isahlulo endasabelwayo, nendebe endayabelwayo; Ulenze banzi ilifa lam. |
| 6. | Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle. |
| 7. | Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam. |
| 8. | Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa. |
| 9. | Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile. |
| 10. | Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo. |
| 11. | Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade. |
| ← Psalms (16/150) → |