Psalms (15/150)  

1. Umhobe kaDavide. Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele?
2. Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe.
3. Ngongahlebiyo ngolwimi lwakhe, Ongamenziyo into embi uwabo, Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe;
4. Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo, Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova; Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye,
5. Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo, Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa. Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade.

  Psalms (15/150)