| ← Psalms (149/150) → |
| 1. | Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba. |
| 2. | USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo. |
| 3. | Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi. |
| 4. | Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso. |
| 5. | Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo. |
| 6. | Yimibongo kaThixo emqaleni wabo, Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo; |
| 7. | Ukuze benze impindezelo ezintlangeni, Izohlwayo ezizweni; |
| 8. | Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane, Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi; |
| 9. | Benze kubo isiko elibhaliweyo. Luzuko olo lwabakhe benceba bonke. Haleluya! |
| ← Psalms (149/150) → |